YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 2

2
Ukuzalwa kukaYesu Kristu
1Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare• Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo. 2Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon' ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya. 3Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi.
4Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe; 5esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.
6Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale. 7Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.
Abalusi baseBhetelehem
8Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. 9Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.
10Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu; 11ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu• iNkosi. 12Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.
13Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi,
14Uzuko kuThixo enyangweni,
Uxolo emhlabeni,
Inkolelo ebantwini.
15Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi. 16Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali.
17Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana. 18Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. 19Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. 20Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo.
Ulwaluko lukaYesu nokusiwa kwakhe etempileni
21Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana alùswe, wathiywa igama elinguYesu,• elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa.
22Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo ngokomthetho kaMoses, benyuka naye baya eYerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi, 23njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, ize kuthiwe ingcwele eNkosini (iEks 13:2); 24nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu.
USimon noAna
25Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. 26Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. 27Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho, 28yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:
29Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo,
Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;
30Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
31Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,
32Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga,
Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.
33Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. 34USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Ùyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo; 35ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.
36Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. 37Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anaminé, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. 38Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.
39Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete.
40Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.
Umntwana onguYesu phakathi kwabafundisi
41Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.• 42Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon' ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo, 43bakubon' ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. 44Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo.
45Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. 46Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza. 47Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.
48Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu. 49Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? 50Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.
51Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe.
52Waye uYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.

Currently Selected:

ULUKA 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy