YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 19

19
UZakeyu
1Waye engene uYesu, ecanda eYeriko.
2Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona. 3Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane. 4Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho.
5Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho. 6Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya. 7Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Úngené waya kulala kwindoda engumoni.
8Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidlé into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kané. 9Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufiké usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham; 10kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.
Umzekeliso weemina
(UMat. 25:14-30)
11Ke kaloku, bakubon' ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.
12Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. 13Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina• zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. 14Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.
15Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. 16Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi. 17Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba wàba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.
18Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. 19Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu.
20Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; 21kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. 22Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; 23ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?
24Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi. 25Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi. 26Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako. 27Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.
UYesu ungena eYerusalem ekhwele iesile
(UMat. 21:1-11)
28Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem. 29Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, wathi, 30Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nòthi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise. 31Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nòthi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini.
32Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo. 33Ke kaloku, bakubon' ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole? 34Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini.
35Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu. 36Akubon' ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni. 37Ke kaloku, akubon' ukuba selesondele ekuhlèni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonáyo; 38besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.
39Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho. 40Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungáthi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.
41Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, esithi, 42Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho. 43Ngokuba ùya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke, 44zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.
Ukuhlanjululwa kwetempile
(UMat. 21:12-17)
45Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga; 46esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenzé umqolomba wezihange.
47Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa. 48Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

Currently Selected:

ULUKA 19: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy