YouVersion Logo
Search Icon

ILEVITIKUS 25

25
Umnyaka wesabatha
1Wathetha uYehova kuMoses entabeni yaseSinayi, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe elo ke lophumla isabatha kuYehova. 3Wòyihlwayela iminyaka emithandathu intsimi yakho, usithêne isidiliya sakho iminyaka emithandathu, uhlanganise ungeniselo lwaso; 4ke umnyaka wesixhenxe woba yisabatha yesabatha kulo ilizwe, isabatha kuYehova. Uze ungayihlwayeli intsimi yakho, ungasitheni isidiliya sakho; 5ungawuvuni ummilela wokuvuna kwakho, neediliya zesidiliya sakho esingathenwanga uze ungazisiki. Woba ngumnyaka wesabatha kulo ilizwe. 6Isabatha yalo ilizwe yoba kukudla kuni, kuwe nakwisicaka sakho, nakwisicakakazi sakho, nakumqeshwa wakho, nakolundwendwe kuwe, 7nakophambukele kuwe, nakwiinkomo zakho, nakwiinyamakazi ezisezweni lakho; lonke ungeniselo lwalo loba kukudla.
Umnyaka wentlokoma
8Uze uzibalele iisabatha ezisixhenxe zeminyaka, iminyaka esixhenxe ibe zizihlandlo ezisixhenxe, ize imihla yeesabatha ezisixhenxe zeminyaka ibe yiminyaka emashumi mané aneminyaka esithoba kuwe; 9usihambise isigodlo sokumema ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo; ngomhla wokucamagusha nosihambisa isigodlo ezweni lenu lonke; 10umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Wóba ngowentlokoma• kuni, ukuba nibuyele elowo elifeni lakhe, nibuyele elowo emizalwaneni yakhe. 11Umnyaka woba ngowentlokoma kuni, umnyaka wamashumi omahlanu, ukuba ningahlwayeli, ningawuvuni ummilela, ningasisiki isidiliya esingathenwanga. 12Ngokuba le ntlokoma yoba ngcwele kuni; nolúdla luvela entsimini ungeniselo lwayo. 13Ngalo mnyaka wentlokoma nobuyela elowo elifeni lakhe. 14Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana. 15Wòthenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wóthengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo. 16Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo. 17Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
18Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile; 19ilizwe livelise iziqhamo zalo, nidle nihluthe, nihlale nikholosile kulo.
20Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu: 21ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu. 22Nòhlwayela ngomnyaka wesibhozo, nidle amahasa kude kube ngumnyaka wesithoba; nodla amahasa lude lufike ungeniselo lwawo. 23Ilizwe ze kungàthengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum; 24ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo.
25Xa athe umzalwana wakho wanzonza, wathengisa ngento yelifa lakhe, makeze owalamana naye ofanele ukumkhulula, ayikhulule ngokuyihlawulela loo nto wathengisa ngayo umzalwana wakhe. 26Umntu xa angenabani wokumkhulula, sibe sinokufikelela isandla sakhe sifumane okulingene ukuzikhululela ngentlawulelo: 27wóbala iminyaka yokuthengisa kwakhe, abuyisele okugqithiseleyo kuloo mntu wathengisa kuye, abuyele elifeni lakhe. 28Ukuba isandla sakhe asinakufumana okulingene ukubuyisela kuye loo nto wathengisa ngayo, yohlala esandleni salowo uyithengileyo, kude kube ngumnyaka wentlokoma. Yophuma ngowentlokoma, abuyele elifeni lakhe.
29Umntu xa athe wathengisa ngendlu yokuhlala, isemzini onodonga, yoba nokukhululwa ngentlawulelo ude uphele umnyaka wokuthengiswa kwayo; yoba ziintsuku ezithile isenokukhululwa ngentlawulelo. 30Ukuba ithe ayakhululwa ngentlawulelo, wada wazaliseka waphela umnyaka, yoqiniselwa kuphele indlu esemzini onodonga, kulowo wayithengayo ezizukulwaneni zakhe; ayi kuphuma ngomnyaka wentlokoma. 31Ke izindlu zemizana, engabiyelwe ngeendonga, zobalelwa ekuthini ngamasimi alo ilizwe: zoba nokukhululwa ngentlawulelo zona, ziphume ngomnyaka wentlokoma.
32Ke imizi yabaLevi, izindlu zemizi yelifa labo, zoba nokukhululwa ngentlawulelo nanini kubaLevi. 33Ethe yathengwa kubaLevi, indlu ekuthengiswe ngayo emzini welifa lakhe, yophuma ngomnyaka wentlokoma; ngokuba izindlu zemizi yabaLevi zililifa labo phakathi koonyana bakaSirayeli. 34Ilizwe ledlelo lemizi yabo makungathengiswa ngalo, ngokuba lilifa elingunaphakade kubo.
35Xa athe umzalwana wakho wanzonza, isandla sakhe solukela kuwe, sòmomeleza, aphile nawe engumphambukeli, elundwendwe kuwe. 36Musa ukuthabatha nzala kuye, nalwando lwemboleko; uze woyike uThixo wakho, aphile umzalwana wakho kuwe. 37Imali yakho uze ungamniki ngenxa yenzala, ungamniki ukudla kwakho ngenxa yolwando lwemboleko: 38ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndinike ilizwe lakwaKanan, ndibe nguThixo kuni.
39Xa athe umzalwana wakho wanzonza ekuwe, wazithengisa kuwe, uze ungamkhonzisi ngokukhonza kwekhoboka. 40Woba njengomqeshwa, njengolundwendwe kuwe; wókukhonza kude kube ngumnyaka wentlokoma; 41aphume kuwe enabantwana bakhe, abuyele emizalwaneni yakhe, abuyele elifeni likayise; 42ngokuba ngabakhonzi bam abo, endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. Makungathengiswa ngabo ngokuthengiswa kwekhoboka. 43Uze ungamphathi ngokutyumzayo; uze woyike uThixo wakho.
44Ikhoboka lakho nekhobokazana lakho, la akuwe, oba ngabasezintlangeni eziningqongileyo; nothenga kuzo ikhoboka nekhobokazana. 45Kanjalo koonyana babaziindwendwe kuni, abaphambukele kuni, nothenga kubo, nasemizalwaneni yabo ekuni, abayizalele ezweni lenu; babe lilifa kuni. 46Nobenza babe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba babathabathe babe lilifa, nibakhonzise ngonaphakade. Ke bona abazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, mabangaphathani ngokutyumzayo.
47Xa sithe isandla somphambukeli nolundwendwe kuwe satyeba ekuwe, umzalwana wakho wanzonza ekuye, wazithengisa kumphambukeli olundwendwe kuwe, nakumlibo womzalwana womphambukeli: 48wóba nokukhululwa ngentlawulelo emva kokuzithengisa kwakhe. Omnye kubazalwana bakhe womkhulula ngentlawulelo; 49nokuba nguyisekazi, nokuba ngunyana kayisekazi, womkhulula ngentlawulelo; nokuba ngowenyama yenyama yakhe emizalwaneni yakhe, womkhulula ngentlawulelo; nokuba isandla sakhe sithe satyeba, wózikhulula ngokwakhe ngentlawulelo.
50Wóbalelana nowamthengayo, athabathele emnyakeni wokuthengiswa kwakhe kuye, ase emnyakeni wentlokoma, ithi imali yokuthengiswa kwakhe ime ngokwenani leminyaka abekuye, ngokwemihla yomqeshwa. 51Ukuba isemininzi iminyaka, woyibuyisa kwimali yokuthengwa kwakhe, ibe ngangayo intlawulelo yokukhululwa kwakhe. 52Ukuba kuthe kwasala iminyaka embalwa, ukuze kube ngumnyaka wentlokoma, wóbala ngokweminyaka yakhe, abuyise intlawulelo yokukhululwa kwakhe. 53Wóba njengomqeshwa umnyaka ngomnyaka kuye; aze angamphathi ngokutyumzayo emehlweni akho. 54Ukuba úthe, àkakhululwa ngentlawulelo ngabo abo, wophuma ngomnyaka wentlokoma, yena enabantwana bakhe. 55Ngokuba kum oonyana bakaSirayeli ngabakhonzi; bangabakhonzi bam endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. NdinguYehova, uThixo wenu.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 25: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy