YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 1

1
UYoshuwa unyulelwa ukuthabatha indawo kaMoses
1Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wathi, 2UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona oonyana bakaSirayeli. 3Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses. 4Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu. 5Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya.
6Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona ooyise, ukuba ndiya kubanika. 7Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona. 8Ize ingesuki incwadi yaló myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba wòba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko. 9Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.
Amalungiselelo okuwela iYordan
10Waza uYoshuwa wabawisela umthetho ababhali babantu, wathi, 11Candani phakathi kweminquba, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseleni umphako, ngokuba kusele imihla emithathu, ukuze niyiwele iYordan le, ningene nilihluthe ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba limiwe nini.
12NakumaRubhen, nakumaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi uYoshuwa, 13Likhumbuleni ilizwi awaniwisela umthetho ngalo uMoses, umkhonzi kaYehova, esithi, uYehova uThixo wenu uniphumzile, waninika eli lizwe. 14Abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu, yohlala kweli lizwe aninika lona uMoses nganeno kweYordan; niwele ke nina nixhobile phambi kwabazalwana benu, nonke nina magorha anobukroti, nibancede, 15ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balihluthe nabo elo lizwe abanikayo uYehova uThixo wenu; nibuyele ke ezweni enilihluthileyo, nime kulo elo waninikáyo uMoses umkhonzi kaYehova nganeno kweYordan, ngasempumalanga.
16Bamphendula ke uYoshuwa, besithi, Izinto zonke osiwisele umthetho ngazo sozenza, nalapho sukuba usithume khona soya. 17Ngako konke esamphulaphula ngako uMoses, siya kwenjenjalo ukukuphulaphula nawe; kodwa ke uYehova uThixo wakho unga angaba nawe, njengokuba wayenoMoses. 18Bonke abantu abaphikisa umlomo wakho, bangàwaphulaphuli amazwi akho entweni yonke osiwisela umthetho ngayo, mababulawe; kodwa ke yomelela, ukhaliphe wena.

Currently Selected:

UYOSHUWA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy