YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 15

15
Umzekeliso womdiliya wenyaniso. Abafundi baya kuthiywa lihlabathi
1Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo. 2Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi. 3Nina nisenihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni. 4Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum. 5Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.
6Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe. 7Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe. 8Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.
9Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam. 10Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe. 11Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.
12Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina. 13Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe. 14Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna. 15Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona. 16Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe. 17Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.
18Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiyé kuqala kunani. 19Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi. 20Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba bánditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam báligcina, nelenu boligcina.
21Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo. 22Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo. 23Lowo uthiye mna, uthiye noBawo. 24Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo. 25Kwenzeké ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo, elithi, Bandithiya kungekho sizathu.
26Kodwa xa athe wafika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, yena wongqina ngam. 27Nani ke niyangqina, ngokuba beninam kwasekuqaleni.

Currently Selected:

UYOHANE 15: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy