YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 13

13
UYesu uhlamba iinyawo zabafundi
1Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni. 2Kwakubakho isidlo sangokuhlwa (akubon' ukuba uMtyholi selekufakile entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe), 3esazi uYesu ukuba uYise uzinikele zonke izinto ezandleni zakhe, nokuba waphuma kuThixo, esiya kuThixo: 4usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe, athabathe itawuli• abhinqe; 5aze agalele amanzi esityeni sokuhlambela, aqale ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile.
6Uza ke kuSimon Petros; athi yena kuye, Nkosi, zihlánjwe nguwe na iinyawo zam? 7Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva. 8Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam. 9Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko. 10Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; úhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke. 11Kuba ebemazi lowo umnikelayo; ngenxa yoko wathi, Anihlambulukile nonke.
12Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? 13Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo. 14Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndíyiNkosi, ndínguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo. 15Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni. 16Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo.
17Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze. 18Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe. 19Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye. 20Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.
UYesu walatha umngcatshi wakhe
(UMat. 26:21-25)
21Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. 22Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.
23Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu. 24Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na. 25Àyamile ke yena esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, nguwuphi na? 26Uphendule uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika mna iqhekeza, ndakuba ndilithe nkxu. Akulithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.
27Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Uthi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya. 28Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye. 29Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; mhlawumbi uthi makawanike into amahlwempu. 30Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; kwaye ke kusebusuku.
Imfundiso yokugqibela kaYesu kubafundi bakhe: Isizathu sokumka kwakhe
31Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye. 32Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku. 33Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku. 34Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane. 35Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.
36Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, ùya ngaphi na wena? Umphendule uYesu wathi, Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva. 37Uthi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam. 38Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.

Currently Selected:

UYOHANE 13: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy