YouVersion Logo
Search Icon

ILEVITIKUS 19

19
Imithetho malunga nezinto ngezinto
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Yibani ngcwele; kuba ndiyiNgcwele mna, Yehova, uThixo wenu. 3Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu. 4Musani ukubheka kwiinto ezingení; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.
5Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise. 6Wódliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo. 7Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa. 8Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
9Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho. 10Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.
11Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani. 12Ize ningalifungi igama lam nixoka; ungalihlambeli igama loThixo wakho: ndinguYehova.
13Ùze ungamcudisi ummelwane wakho, uze ungaxhakamfuli; umvuzo womqeshwa úze ungalali kuwe kude kuse.
14Uze ungasitshabhisi isithulu; uze ungabeki sikhubekiso phambi kwemfama; uze umoyike uThixo wakho: ndinguYehova. 15Ze ningenzi bugqwetha ekugwebeni; unganoneleli nomntu osweleyo, ungabeki buso basikhulu; womgweba ngobulungisa ummelwane wakho.
16Uze ungahambi uyintlebi phakathi kwabantu bakowenu; uze ungalizondi igazi lommelwane wakho: ndinguYehova.
17Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungazithwalisi sono ngenxa yakhe. 18Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako; ndinguYehova.
19Ize niyigcine imimiselo yam. Iinkomo zakho uze ungazizekisi kwiintlobo ezimbini; uze ungayihlwayeli intsimi yakho iintlobo ezimbini zembewu; nengubo yeentlobo ezimbini engumxube ize ingezi phezu kwakho.
20Xa indoda ithe yayilala inkazana, ilikhobokazana eliganelwe indoda, lingàkhululwanga ngokuhlawulelwa, lingàphiwanga nenkululeko: bobethwa; bangàbulawa, ngokuba belingakhululekile. 21Yolizisa idini letyala layo kuYehova emnyango wentente yokuhlangana, inkunzi yemvu, ibe lidini letyala; 22ayicamagushele umbingeleli ngenkunzi leyo yemvu yedini letyala phambi koYehova ngenxa yesono sayo, eyoné ngaso. Yosixolelwa ke isono sayo, eyoné ngaso.
23Xa nifikileyo ezweni elo, natyala yonke imithi edliwayo, nòthi iziqhamo zayo zikúkungaluki; zoba zezingalukanga kuni iminyaka emithathu, ize zingàdliwa. 24Ngowesiné umnyaka, zonke iziqhamo zayo zoba ngumnikelo ongcwele wendumiso kuYehova. 25Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu.
26Ize ningadli nto inegazi.
Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.
27Ze ningazichebi nizizungeleze iintlontlo zentloko yenu; ungaloni udini lweendevu zakho. 28Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova.
29Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala.
30Gcinani iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova. 31Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.
32Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.
33Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli. 34Kuni wóba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
35Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento. 36Nòba nezikali• zobulungisa, namatye• obulungisa, ne-efa• yobulungisa, nehin• yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa. 37Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze: ndinguYehova.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 19: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy