YouVersion Logo
Search Icon

USAMUWELI II 1

1
UDavide ufumana udaba lokufa kukaSawule
1Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini. 2Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.
3Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli. 4Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwé into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.
5Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe? 6Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye. 7Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho. 8Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki. 9Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye. 10Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.
11Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo; 12bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.
13Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki. 14Wathi uDavide kuyo, Ùtheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova? 15UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa. 16Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho úlingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.
UDavide wenza isimbonono elilela uSawule noYonatan
17Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe, 18wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.
19Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho!
Hayi, ukuwa kwamagorha!
20Musani ukuxela eGati;
Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon,
Hleze zivuye iintombi zamaFilisti,
Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo.
21Nina zintaba zaseGilibhowa,
Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo;
Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha,
Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.
22Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha,
Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva,
Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.
23USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi,
Nasekufeni kwabo abahlukananga.
Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga,
Babenamandla ngaphezu kweengonyama.
24Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule,
Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa;
Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.
25Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe!
UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho
26Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan;
Ùbumnandi kakhulu kum;
Kubalukekile ukundithanda kwakho
Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.
27Hayi, ukuwa kwamagorha!
Adakile amadoda okulwa!

Currently Selected:

USAMUWELI II 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy