YouVersion Logo
Search Icon

KUTIMOTI I 1

1
Umbuliso nesilumkiso ngemfundiso engeyiyo
1UPawulos, umpostile• kaYesu Kristu, ngokommiselo kaThixo uMsindisi wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, iThemba lethu, 2ubhalela uTimoti, umntwana wakhe kanye ngokwaselukholweni; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uBawo, noKristu Yesu iNkosi yethu.
3Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, ndenjenjalo ukukuyala nangoku, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi; 4kananjalo banganyamekeli zintsomi namilibo yakuzalwa engaphele ndawo, izinto ezo ezibanga iimbuzwano, zingahambisi lona ulwakho lukaThixo olungokholo. 5Ke intsingiselo yoyalo iluthando oluphuma entliziyweni ehlambulukileyo, nasesazeleni esilungileyo, naselukholweni olungahanahanisiyo; 6abathe abathile, beziphosile ezo nto, baphambukela ekuthetheni okungento yanto; 7bethanda ukuba ngabafundisi bomthetho, phofu bengaziqiqi izinto abazithethayo, kwanezo bazingqinayo.
8Siyazi ke ukuba umthetho mhle, ukuba umntu uthi awuphathe ngokomthetho; 9ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta, 10abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo; 11ngokweendaba ezilungileyo zozuko lukaThixo osikelelekileyo, endaphathiswa zona mna.
Ukubulela kukaPawulos inceba kaThixo
12Kananjalo ndinombulelo kowandomelezayo, uKristu Yesu iNkosi yethu, kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela ebulungiselelini; 13nakuba ngaphambili ndandingumnyelisi, nomtshutshisi, nomphathi kakubi; ndesuka ndenzelwa inceba, ngokuba ndakwenza oko ndingazi, ndisekungakholweni; 14ke lwanda ngokuncamisileyo ubabalo lweNkosi yethu, lunokholo nothando olukuKristu Yesu. 15Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna; 16noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.
17Ke kaloku, kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
18Olu yalo ndilubeka phambi kwakho, mntwana wam Timoti, ngokweziprofeto ezandulelayo ngawe, ukuze ulwe ngazo ukulwa okuhle, 19unokholo nesazela esilungileyo, ethe inxenye, isigibile, yaphukelwa ngumkhombe mayelana nokholo; 20inoHimenayo noAlesandire, endabanikelayo kuSathana, ukuze baqeqeshwe ukuba banganyelisi.

Currently Selected:

KUTIMOTI I 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy