Iindumiso 1:1-6

Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki! Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku: Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela. Àbanjalo abangendawo; Bòna banjengomququ ophetshethwa ngumoya. Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa. Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.
IINDUMISO 1:1-6