KwabaseFilipi 2:3-8

ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye. Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:3-8