UZEKARIYA 14:20 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UZEKARIYA 14:20 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, BUBUNGCWELE KUYEHOVA; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo.

UZEKARIYA 14:20 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngaloo mini neentsimbi zamahashe ziya kukrolwa umbhalo othi: “YekaNdikhoyo pheleleyo.” Iimbiza ezisendlwini zikaNdikhoyo nazo ziya kuba ngcwele kanye oku kwezitya zeqonga lamadini.

UZEKARIYA 14:20 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngomhla lowo kwobako pezu kwentsimbi ezikencezayo zamahashe isibalo sokuti: UBUNGCWELE KUYEHOVA; nembiza ezisendlwini KAYEHOVA zona ziya kuba njengendebe ezipambi kwesibingelo.

UZEKARIYA 14:20 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngaloo mini kuya kubhalwe ezintsimbini zamahashe ukuthi: “Ningcwele kuYehova; kwaye iimpahla zendlu kaYehova ziya kuba njengempahla ephambi kwesibingelelo.