Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

KUTITO 1:7-8

KUTITO 1:7-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi. Úmelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, onokuzeyisa

Yabelana
Funda KUTITO 1

KUTITO 1:7-8 IBHAYIBHILE (XHO96)

Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali, kodwa makabe nobubele, ayithande into entle, abe ngozinzileyo ngengqondo, ongenamkhethe, abe ngozinikeleyo, ezoyisa.

Yabelana
Funda KUTITO 1

KUTITO 1:7-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; ungengazithandi, ucaphuka msinya; Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, ozingcayo

Yabelana
Funda KUTITO 1

KUTITO 1:7-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Ngokuba ongumlindi efanele ukuba abe ngonganikwa tyala lanto, njengokuba eligosa LIKATIXO; angabi ngonenkani, angabi ngoqumba msinya, angabi ngohlala kade pezu kweveyine, angabi ngumbeti, angabi ngonxamela inzuzo embi, abe ngumbuki wabasemzini, umtandi wabalungileyo, enobutelekelelo, enobulungisa, enobungcwele, enobunca̔tu

Yabelana
Funda KUTITO 1
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo