KWABASEROMA 8:38-39
KWABASEROMA 8:38-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.
KWABASEROMA 8:38-39 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.
KWABASEROMA 8:38-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nanto zizayo; Nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.
KWABASEROMA 8:38-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba ndikoliwe ukuba kwa nokufa, nobomi, nengelosi, nabanegunya, nabanamandla, nezinto ezikoyo, nezinto eziza kubako, nobude, nobunzulu, nesinye isidalwa esisimbi, aziyi kuba nako ukuba zingasahlula elutandweni LUKATIXO, olukuye u‐Kristu Yesu INKOSI yetu.