KWABASEROMA 8:16-17
KWABASEROMA 8:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.
KWABASEROMA 8:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwaziindlalifa zikaThixo. Ewe, siziindlalifa kunye noKrestu, kuba kaloku siva ubunzima kunye naye, siphinde siwongwe kwakunye naye.
KWABASEROMA 8:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.
KWABASEROMA 8:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yena UMOYA ngokwake uyanqi̔nelana nomoya wetu, okokuba silusapo LUKATIXO. Kekaloku ukuba silusapo, sizindlalifa kanjalo; sizindlalifa KATIXO, nendlalifa kunye no‐Kristu; ukuba ke siyeva intlungu kunye naye, ukuze senzelwe ubungcwalisa kwa kunye naye.