KWABASEROMA 5:14 - Compare All Versions

KWABASEROMA 5:14 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ukufa ke kwalawula, kuthabathela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngokufana nesigqitho sika-Adam, oyintsobi yalowo ubeza kubakho.

KWABASEROMA 5:14 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ke ukufa kwakutshatshele ukususela kuAdam kwada kwaya kuthi gaa kuMosis, nakwabo basono singafani nesika-Adam. Lo Adam ke wayengumfuziselo waloo Mntu wayeza kufika.

KWABASEROMA 5:14 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ke ukufa kwalawula, ukususela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngendlela efana nesigqitho sika-Adam, ongumfanekiselo walowo ubeza kubakho.

KWABASEROMA 5:14 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Noko ukufa kwapata ubukosi kwa ku‐Adame kwada kwaku‐Mosesi, kwa pezu kwabo babengonanga ngesigqito esifana nesika‐Adame, ongumfanekiselo walowo obeza kuza.