KWABASEROMA 3:7 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
KWABASEROMA 3:7 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam, ndisagwetywa ngani na mna ngokomoni?
KWABASEROMA 3:7 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ke ngokuxoka kwam inyaniso kaThixo idandalaza ngakumbi ukuze sicace isidima sakhe, ndisagwetyelwani na ke ngokomoni?
KWABASEROMA 3:7 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba inyaniso KATIXO ukuba ite ngobuxoki bam yakolisa ukwandela ubungcwalisa bake, yinina ukuba ndisamenywa nam njengomoni?
KWABASEROMA 3:7 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam; yini na ukuba ndisagwetywe njengomoni?