KWABASEROMA 3:25-26
KWABASEROMA 3:25-26 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo; ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.

KWABASEROMA 3:25-26 IBHAYIBHILE (XHO96)
UThixo wammisela uYesu ukuba abe lidini lokungxengxezela izono zabakholwayo. Ukufa kwakhe yindlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu. Kumaxesha adlulileyo uThixo wazibamba akabagweba aboni; kodwa ke namhlanje akasayenzi loo nto – ngoku walatha indlela abenza ngayo amalungisa. Ngale ndlela ke uThixo utyhila ubulungisa bakhe, emenza abe lilungisa wonke okholwayo kuYesu.
KWABASEROMA 3:25-26 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo; ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.
KWABASEROMA 3:25-26 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ate UTIXO wambeka ngapambili ukuba sisihlaulelo ngalo ukolo egazini lake, kube kukubonakaliswa kwobulungisa bake, ngenxa yokuyekelwa kwezono ezibe zenziwe pambili, ekunyamezeleni KUKATIXO; kuze kube kukubonakaliswa kwobulungisa bake kwelixesha lakaloku nje, ukuze abe elungile, nxa agwebelayo owaselukolweni luka‐Yesu.