ISITYHILELO 13:11-12
ISITYHILELO 13:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba. Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba, nabo bawumiyo, ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa.
ISITYHILELO 13:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakhona ndabona elinye irhamncwa lisithi nyalulu emhlabeni. Lona lalineempondo ezifana nezetakane, kodwa lalithetha ngathi ligongqongqo. Eli rhamncwa lasebenzisa amagunya erhamncwa lokuqala, lijongile. Lanyanzela ihlabathi nabemi balo ukuba banqule irhamncwa lokuqala, ingxwelerha leyo yaphilayo.
ISITYHILELO 13:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba. Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba nabo bawumiyo ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa.
ISITYHILELO 13:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndaza ndabona elinye ir̔amnco linyuka emhlabeni, elibe linempondo ezimbini zifana nezemvana, lateta njengenamba. Negunya lelokuqala ir̔amnco lonke liyalipata ebusweni balo; kanjalo liyenza umhlaba nabemiyo kuwo ukuba babedeshe ir̔amnco lokuqala, elo inxeba lokufa lalo lapoliswayo.