IINDUMISO 63:1 - Compare All Versions
IINDUMISO 63:1 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thixo, ùnguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.
Yabelana
IINDUMISO 63 XHO75IINDUMISO 63:1 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe. Umphefumlo wam uyakulangazelela. Ndihlala ndizula-zula ndikufuna; ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.
Yabelana
IINDUMISO 63 XHO96IINDUMISO 63:1 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
TIXO! UNGUTIXO wam; ndokufuna kusasa; umpefumlo wam unxanelwe wena, inyama yam ikulangazelele ezweni elomileyo nelidiniweyo, apo kungeko manzi
Yabelana
IINDUMISO 63 XHO1902AIINDUMISO 63:1 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ingoma kaDavide, oko wayesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam; Ndiya kuquqela kuwe kwakusasa; umphefumlo wam ukungxamele, inyama yam inxanelwe ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, elingenamanzi
Yabelana
IINDUMISO 63 CXB24