IINDUMISO 14:2-3 - Compare All Versions
IINDUMISO 14:2-3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Oquqela kuThixo. Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.
IINDUMISO 14:2-3 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu; uhlel' ezulwini efuna ukuqonda ukuba ngaba sikho na isilumko, nditsho ofuna ukunqula uThixo. Kambe ke bonke bemkile, xa bebonke bonakele; kuba akakho olungisayo, nditsho nokuba abe mnye.
IINDUMISO 14:2-3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
uYehova ukhangela koonyana babantu esemazulwini, ukuba ukho na oqiqayo, omquqelayo uThixo. Bonke balahleka, benziwe inqambi bonke bephela; Akukho wenza okulungileyo, eyedwa.
IINDUMISO 14:2-3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
UYEHOVA esezulwini wakangela pantsi pezu kwonyana babantu, ukubona ukuba kuko na oqondayo, ofuna UTIXO. Bapambukile bonke, badlubukile kunye; akuko owenza okulungileyo, noko amnye.