IINDUMISO 131:2 - Compare All Versions

IINDUMISO 131:2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Inene, ndiwuzolisé ndawuthozamisa umphefumlo wam; Ùnjengomntwana olunyulweyo, ehleli kunina; Ùnjengomntwana olunyulweyo umphefumlo wam kum.

IINDUMISO 131:2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kodwa ndanelisekile, ndaye ndixolile. Ndinjengosana oluthe cwaka ezingalweni zikanina; ngenene umoya wam uphuphuma ukwanela.

IINDUMISO 131:2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ndazinqanda, ndathi tu, njengomntwana olunyulweyo kunina; umphefumlo wam unjengomntwana olunyulweyo.

IINDUMISO 131:2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngenyaniso ndilungiselele ndatutuzela umpefumlo wam, njengomntwana okunyulweyo kunina! umpefumlo wam pakati kwam unjengomntwana okunyulweyo.