IINDUMISO 131:1 - Compare All Versions

IINDUMISO 131:1 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Yehova, intliziyo yam ayiphakamile, amehlo am akaqwayingile; Andihambi ezintweni ezinkulu, Eziyimisebenzi ebalulekileyo kum.

IINDUMISO 131:1 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Awu, *Ndikhoyo, mna andizigwagwisi; ngokunjalo mna andiziphakamisi. Kaloku andizixakekisi ngemicimbi ephakamileyo kunokuba ndinjalo mna.

IINDUMISO 131:1 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

iNgoma kaDavide. Kwaye andiziqeqesheli izinto ezinkulu okanye izinto eziphezulu kakhulu kum.

IINDUMISO 131:1 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

YEHOVA! intliziyo yam ayir̔atshile, namehlo am akapakamile: andihambi nokuhamba ezintweni ezinkulu, nasezintweni ezindikohlayo ngokuba ngummangaliso.