IINDUMISO 1:3 - Compare All Versions

IINDUMISO 1:3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.

IINDUMISO 1:3 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi, umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo, umth' omagqabi angasoz' abune. Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.

IINDUMISO 1:3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo; igqabi lawo aliyi kubuna; yaye konke akwenzayo kophumelela.

IINDUMISO 1:3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Uya kuba njengomti utyelwe ngasemijelweni yamanzi ke, ovelisa isiqa̔mo sawo ngexesha lawo, nogqabi lingayi kubuna; nako konke akwenzayo kwolungiseka.