UMARKO 9:20 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UMARKO 9:20 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu.

UMARKO 9:20 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu.

UMARKO 9:20 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Bamzisa ke kuye: wati akumbona, waselesiti umoya wamṙuzula; wawa pantsi emhlabeni ke, waqikileka exapa amagwebu.

UMARKO 9:20 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; yawa emhlabeni, yaqikaqika, ilephuza amagwebu.