UMATEYU 7:24-29
UMATEYU 7:24-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo. Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
UMATEYU 7:24-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo. Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe. Ke wonke umntu owevayo la mazwi am, angawenzi, unokufanekiswa nendoda esisiyatha, ethe yayakha entlabathini indlu yayo. Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; yawa, yadilika didli!” Akuba ewathethile la mazwi uYesu, isihlwele sabantu samangaliswa kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.
UMATEYU 7:24-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko ke wonke umntu owevayo la mazwi am, awenze, uya kufaniswa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, uya kufaniswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza nemimoya, yagaleleka kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ukuwa kwayo. Ke kaloku kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa izihlwele yimfundiso yakhe; kuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
UMATEYU 7:24-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako lowo usukuba eweva lamazwi am, awenze, ndomfanekisa nomntu olumkileyo, owakayo indlu yake elulwalweni: yaza yehla imvula, yeza nemisinga, yaquta nemimoya, yayiwela leyondlu; ayawa noko; ngokuba ibisekelwe elulwalweni. Kanjalo osukuba eweva lamazwi am, angawenzi, wofanekiswa nomntu osidenge, owakayo indlu yake entlabatini: yaza yehla imvula, yeza nemisinga, yaquta nemimoya, yabeta kuleyondlu; yawa ke; sati isiwo sayo sasikulu. Kwaye kute, okuya abezigqibile u‐Yesu iziteto ezi, izihlwele zibe zimangaliswa pezu kwokufundisa kwake; ngokuba ebezifundisa njengonegunya, bekungenjengababa̔li.