UMATEYU 5:15-16 - Compare All Versions
UMATEYU 5:15-16 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.
UMATEYU 5:15-16 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”
UMATEYU 5:15-16 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Kananjalo abantu abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; kwaye ibakhanyisela bonke abasendlwini. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.
UMATEYU 5:15-16 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako abantu abasibaneki isibane, basibeke pantsi kwento yokulinganisa, koko basibeka pezu kwekandelare, size sikanyele bonke abasendlwini. Kwa njalo makukanye ukukanya kwenu pambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu elungileyo, badumise UYIHLO osezulwini.