UMATEYU 26:26-27
UMATEYU 26:26-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bakubon' ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke
UMATEYU 26:26-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke
UMATEYU 26:26-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke
UMATEYU 26:26-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wanika abadisipile, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam. Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika, esiti: Selani kuyo nonke