UMATEYU 24:9-11
UMATEYU 24:9-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.
UMATEYU 24:9-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane. Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi.
UMATEYU 24:9-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, bangcatshane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.
UMATEYU 24:9-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Oko niya kunikelwa ekubandezelweni, nibulawe nokubulawa; naniya kutiywa zintlanga zonke ngenxa yegama lam. Kanjalo oko baya kuxakaniswa abaninzi, bangcatshane, batiyane. Baye abaprofite ababuxoki abaninzi beya kuvuka, balahlekise abantu abaninzi.