UMATEYU 21:1-22

UMATEYU 21:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kuthe, xa babesondele eYerusalem, befikile eBhetefage, kwiNtaba yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini, esithi kubo, Yiyani emzaneni lo ukhangelene nani; kwaoko nofumana iesile libotshelelwe linethole, likhululeni nilizise kum. Nokuba kukho othe wathetha into kuni, nòthi, Ayafuneka eNkosini; wóthi ke awathumele kwaoko. Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Enobulali, ekhwele e-esileni, ilithole ke, Inkonyana yento ebotshwayo. (UZek. 9:9) Baya ke abafundi, benza ngoko wayebamisele ngako uYesu, balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwawo, bamhlalisa phezu kwazo. Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; baye abanye bexhuzula amasebe emithini, bewandlala endleleni. Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni! Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo? Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili. Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe; athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange. Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide: basuka bacaphuka, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyáyo ùlungiselele udumiso? Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba. Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo. Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Ùtheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane? Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke. Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.

UMATEYU 21:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwathi bakusondela eJerusalem, befikile eBhetefage ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe, esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana nikhangelene nayo. Nothi ke kwangoko nifumane idonki ibotshelelwe, inenkonyane yayo. Yikhululeni, nizizise kum. Ukuba kukho umntu othethayo, yithini kuye: ‘Ziyafuneka eNkosini. Ziza kubuyiswa kwangoku.’ ” Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngumshumayeli, esithi: “Yithini kwisixeko saseZiyon: ‘Khangela, uKumkani wakho uza kuwe, elulamile, ekhwele idonki, ekhwele inkonyane, ithole lento ebotshwayo.’ ” Baya ke abo bafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele, beza nayo idonki nenkonyane yayo, baza babeka izambatho zabo phezu kwayo, uYesu wakhwela. Isihlwele esikhulu sabantu sazandlala izambatho zaso endleleni. Abanye baqhuzula amasebe emithini, bawandlala endleleni. Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!” Akungena uYesu eJerusalem, isixeko sonke saphithizela, sisithi: “Ngubani na lo?” Izihlwele zathi: “Lo *ngumshumayeli uYesu waseNazarete eGalili.” UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa; waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange. ” Beza kuye ke endlwini kaThixo apho abaziimfama nabaziziqhwala, waza wabaphilisa. Bona ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho bahlabeka bakuyibona imimangaliso ayenzayo, bebona nabantwana endlwini kaThixo bekhwaza besithi: “Camagu! Nyana kaDavide!” Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?” UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’ ” Wabashiya, waphuma esixekweni, waya eBhetani, walala khona. Ngentsasa elandelayo, xa wayebuyela esixekweni, walamba. Wathi ebone umkhiwane ngasendleleni, waya kuwo, kodwa akafumana siqhamo, yaba ngamagqabi kuphela. Wathi kuwo: “Makungaze kubekho siqhamo kuwe naphakade.” Waza woma kwangoko umkhiwane lowo. Bekubonile oku, abafundi bakaYesu bamangaliswa, bathi: “Kutheni ukuba usuke wome ngokukhawuleza kangaka lo mkhiwane?” Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto. Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.”

UMATEYU 21:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, bakusondela eYerusalem, befikile eBhetefage, eNtabeni yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini, wathi, Athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani, nofumana kwaoko iesile libotshelelwe, linethole; likhululeni nilizise kum. Ukuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi kwaoko azithumele. Konke oku kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Elulamile, ekhwele e-esileni, nethole le-esile. Bahamba ke abafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele ngako, balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwazo, bamhlalisa phezu kwazo. Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; abanye bagawula amasebe emithini, bawandlala endleleni. Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili, nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi; Hosana enyangweni. Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo? Zathi ke indimbane, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili. Waza uYesu wangena etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabatshintshi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe. Wathi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; Ke nina niyenze umqolomba wezihange. Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa, wabaphilisa. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye uNyana kaDavide: bacaphuka kakhulu, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi kubo uYesu, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso? Wabashiya, waphuma ngaphandle komzi, waya eBhetani; walala khona. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba. Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; wathi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wabuna kwangoko umkhiwane lowo. Bakukubona oko abafundi bakhe, bamangaliswa, besithi, Utheni na ukubuna kwangoko umkhiwane? Waphendula uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, Ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; nothi kule ntaba, Thabatheka; uphoseke elwandle; iya kwenziwa. Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.

UMATEYU 21:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU xeshekweni babesondele e‐Yerusaleme, bese befikile e‐Betefage ngasentabeni yeminquma, wandula u‐Yesu watuma abadisipile ababini, esiti kubo: Hambani niye emzini omalungana nani; nose nifumana ke iqwaṙashe libotshelelwe, netole ndawonye nalo; wakululeni niwazise kum. Nokuba umntu uyateta into kuni, niya kutsho ukuti: Inkosi iyawafuna; wosel’ ewatuma ke. (Kekaloku oku konke kwenzekile, ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: Yitshoni kwintombi yase‐Ziyone: Bona ke, ukumkani wako uyeza kuwe; elulamile, ekwele eqwaṙasheni, kwa seqwaṙashaneni elilitole leqwaṙashekazi.) Bahamba ke abadisipile, benza kwa njengokuba bebeyalelwe ngu‐Yesu, bazisa iqwaṙashe netole, babeka ingubo zabo pezu kwawo, bamhlalisa pezu kwazo. Bati abaninzi kakulu besihlwele bandlala ingubo zabo endleleni; bebesiti abanye bagaula amasebe emitini, bawandlala endleleni. Zaza izihlwele ezibe zihamba pambili, nezo zibe zilandela, zadanduluka, zisiti: Hosana kuye unyana ka‐Davide! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni LIKAYEHOVA! Hosana enyangweni yapezulu! Kekaloku akungena e‐Yerusaleme, sapitizeliswa sonke isixeko, sisiti: Ungubanina lo? Zaye izihlwele zisiti: Lo ungu‐Yesu umprofite, owase‐Nazarete yase‐Galili. Waza u‐Yesu wangena etempileni KATIXO, wabagxota bonke ababetengela nababetenga etempileni, wazipenula itafile zabananeli bemali, nezihlalo zababetengisa ngamahobe, wati kubo: Kuba̔liwe ngokuti: Indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza; kanti nina niyenzile umqolomba wamabada. Kwaye kusiza kuye imfama neziqwala etempileni apo: wazipilisa ke. Kekaloku abaperisite abakulu nababa̔li bakubona imimangaliso wayenzayo, nabantwana bedanduluka etempileni, besiti nokuti: Hosana kuye unyana ka‐Davide! baqumba kunene, bati kuye: Uyeva na into abayitetayo aba? Wayesiti u‐Yesu kubo: Ewe; anizanga nileseshe na ukuti: Ngomlomo wentsana nabanyayo umisile udumiso? Waza wabashiya, wapuma esixekweni waya e‐Betaniya, walalisa kona. Kekaloku kwakusa, xa abebuyela esixekweni, walamba. Wati akubona umkiwane otile ngasendleleni, weza ngakuwo; kuloko engafumananga nto kuwo, kupela amagqabi odwa: waza wati kuwo: Makungabi savela isiqa̔mo kuwe kude kube ngunapakade. Wahla wabuna kamsinya umkiwane lowo. Baza abadisipile, bakubona oko, bati nqa, besiti: Hai umkiwane ukubuna kamsinya kangakanana! Koko wapendula u‐Yesu wati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Ukuba ninalo ukolo, ningatandabuzi, aniyi kuyenza lento yomkiwane yodwa, koko nokuba niti kulentaba: Yiba ususwa, uposelwe elwandle; kuya kwenzeka. Nento zonke enisukuba nizicela ekutandazeni, nikolwa, niya kuzamkela.