UMATEYU 17:17-18
UMATEYU 17:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha. Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
UMATEYU 17:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingàkholwayo, esigwenxa, koda kube nini ndinani, ndininyamezele? Mziseni apha kum!” Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.
UMATEYU 17:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha. Waza uYesu wayikhalimela indimoni leyo; wemka kuye; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
UMATEYU 17:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wapendula u‐Yesu wati: Sizukulwana esingakolwayo esigwenxa! ndobako nani kude kube ninina? ndoninyamezela kude kube ninina? mziseni kum apa. Waza u‐Yesu wayitetisa idemoni, eyapuma kuye; wati umfana wapiliswa kwa ngeloxeshana.