UMATEYU 13:20-21
UMATEYU 13:20-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.
UMATEYU 13:20-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo. Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko.
UMATEYU 13:20-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lowo ke uhlwayelwe ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.
UMATEYU 13:20-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nowayehlwayelwa endaweni ebulwalwa, nguye lo oti ilizwi alive, asuke alamkele ngovuyo; koko engenangcambo pakati kwake, uyenza umzuzu kodwa; kuze kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, asuke axakaniswe.