ULUKA 8:22-56

ULUKA 8:22-56 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwathi ngamhla uthile, waya kungena emkhombeni kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele, siye ngaphesheya kwedike; banduluka ke. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni apho, waye uzala ngamanzi usengozini. Beza ke bamvusa, besithi, Mongameli, Mongameli, satshabalala. Wavuka ke yena, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza ezo zinto, kwabakho ukuzola. Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto? Bahambela ngomkhombe ezweni laseGadara, elikhangelene nelaseGalili. Ke kaloku, akuphumela emhlabeni, kwaqubisana naye indoda ethile iphuma emzini, esekukade ineedemon. Yayingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isuka ihlale emangcwabeni. Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi. Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango. UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi. Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni. Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo. Wazivumela ke. Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa. Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika. Bathi ke nabo babonileyo, bababikela ukuba uthiweni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon. Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya. Ke kaloku indoda leyo, zaye ziphume kuyo iidemon, yayimkhunga ukuba ibe naye. Ke yena uYesu wayindulula, esithi, Buyela endlwini yakho, ubacacisele oko zingako izinto uThixo akwenzele zona. Yemka, yavakalisa kuwo wonke umzi oko zingako izinto uYesu ayenzele zona. Kwathi ke kaloku, ekubuyeni kukaYesu, zamamkela izihlwele; kuba bonke babemlindile. Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo. Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe; yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, ekuyeni kwakhe apho, izihlwele bezimxinile. Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani, yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo. Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, ùthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo? Uthe ke uYesu, Úkho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum. Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko. Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo. Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi. Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa. Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina. Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa. Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile. Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka. Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle. Besuka abazali bayo bathi nqa; wabathethela ukuba bangakuxeleli bani okuhlileyo.

ULUKA 8:22-56 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwathi ngamhla uthile uYesu waya kukhwela esikhitshaneni kuLwandle lwaseGalili. Babekho nabafundi bakhe, waza wathi kubo: “Masiwele siye ngaphesheya.” Banduluka ke. Ekuhambeni kwabo uYesu walala ubuthongo. Kwavuka isaqhwithi elwandle, isikhitshana sazala ngamanzi, baba sengozini. Baza abafundi bamvusa uYesu, besithi: “Mhlekazi, safa!” Wavuka ke uYesu, wawukhalimela umoya namaza alatyuzayo. Wadamba umoya, amaza ayeka ukulatyuza, kwabakho ukuzola. Waza wathi kubo: “Luphi na ukholo lwenu?” Bona ke babesoyika, bemangalisiwe, besithi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani lo ude alulanyelwe ngumoya nangamanzi!” Ke kaloku bahamba ngesikhitshana, baya ezweni lamaGergesa, elikhangelene nelaseGalili. Kwathi uYesu akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile yaloo dolophu, eyayiphethwe ziindimoni. Yayinexesha elide ihamba ze, ingahlali ndlwini, ihlala emangcwabeni. Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.” Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo. UYesu ke wayibuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?” Yathi yona: “NdinguMkhosi,” kuba yayingenwe ziindimoni ezininzi. Iindimoni ezi zazimbongoza uYesu ukuba angazigxotheli enzonzobileni. Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho entabeni, zaza zambongoza ukuba azivumele ziye kungena kuwo. Wazivumela. Zaphuma ke iindimoni endodeni leyo, zangena ezihagwini, waza umhlambi lowo waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa. Bakukubona okwenzekileyo, abo babezalusa ezi hagu babaleka, baya kukuxela edolophini nasemaphandleni okuhlileyo. Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto yenzekileyo. Bafika kuYesu, bayifumana loo ndoda wayekhuphe kuyo iindimoni ihleli phantsi ngakuYesu, inxibile, inengqondo; baza ke boyika. Abo babekubonile okwenzekileyo babaxelela ngendlela yokuphiliswa kwendoda eyayiphethwe ziindimoni. Yaza yonke loo nkitha yommandla wamaGergesa yambongoza uYesu ukuba emke khona, kuba babesoyika kakhulu. UYesu ke waya kungena esikhitshaneni, wemka. Ke kaloku indoda leyo zazikhutshwe kuyo iindimoni yayimbongoza uYesu, ifuna ukuhamba naye, kodwa uYesu wayindulula, esithi: “Goduka, uyibalise into oyenzelwe nguThixo.” Yemka ke, yahamba iyibalisa kuyo yonke idolophu loo nto iyenzelwe nguYesu. Kwathi akubuya uYesu, izihlwele zamamkela, kuba bonke babemlindile. Kwabonakala kusiza indoda egama linguJayiro, eyayiligosa lendlu yesikhungo. Yona yazikhahlela phantsi ngasezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba eze endlwini yayo, kuba yayigulelwa yintombi yayo iqhawuka. Le yayikukuphela kwentombi yayo, iminyaka ngathi ilishumi elinambini izelwe. Ke kaloku ekuyeni kukaYesu apho, izihlwele zazimxinile. Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini, engenakuphiliswa bani, usondele ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sakhe, lanqamka kwangoko igazi. UYesu wathi: “Ngubani lo undichukumisileyo?” Bakungazi ke bonke, uPetros wathi: “Mhlekazi, isihlwele sikungqongile, sikuxinile.” Kodwa uYesu wathi: “Ukho ondichukumisileyo, kuba ndiyaqonda ukuba akho amandla aphumileyo kum.” Uthe ke umfazi lowo, ebona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, waxela phambi kwabo bonke abantu ukuba umchukumisele ntoni na, ekuxela nokuphiliswa kwakhe ngesikhawu. UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!” Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.” Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.” UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo. Babelila bonke, besenza isijwili; waza wathi: “Sanukulila! Ayifanga; ilele nje le ntombazana.” Basuka bamwa ngentsini, besazi ukuba ibhubhile. Ke yena wayibamba ngesandla, wayibiza esithi: “Ntombazana, vuka!” Wabuya umoya wayo, yaphakama kwangoko; waza wayalela ukuba inikwe ukutya. Bamangaliseka abazali bayo, waza wabayala ukuba bangayixeleli mntu loo nto yenzekileyo.

ULUKA 8:22-56 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwathi ngamhla uthile, wangena emkhombeni, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele siye ngaphesheya kolwandle. Banduluka ke. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni; bazaliswa ngamanzi, baba semngciphekweni. Beza ke bamvusa, besithi, Mfundisi, nkosi, siya kufa. Wavuka ke, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza, kwabakho ukuzola. Wathi kubo, Luphi na ukholo lwenu? Basuka boyika, bamangaliswa, batshono ukuthi, Ngubani na lo? kuba uyalela kwanemimoya namanzi, zimthobele. Bafika kumhlaba wamaGadara, okhangelene nelaseGalili. Akuba ephumile emhlabeni, wahlangatyezwa ngumntu othile ophuma esixekweni, obeneendimoni ixesha elide, enganxibanga ngubo imbi, engahlali endlwini, emane esemangcwabeni. Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiyakukhunga, ungandithuthumbisi. (Kuba wayewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini; kuba futhi wawumbamba, ekhonkxiwe ngamakhamandela namakhamandela, waye wawaqhawula amakhamandela, wakhutshelwa entlango nguMtyholi.) uYesu wambuza esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; ngokuba bekungene kuye iidemon ezininzi. Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni. Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo. Wabavumela ke. Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa. Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika. Baza nabo babeyibonile le nto bababikela ukuba utheni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon. Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; kuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Wenyuka ke waya emkhombeni, wabuya wabuya. Ke kaloku indoda leyo, zaye ziphume kuyo iidemon, yayimkhunga ukuba ibe naye. Buyela endlwini yakho, ubacacisele oko zingako izinto uThixo akwenzele zona. Wemka, wavakalisa kuwo wonke umzi oko zingako izinto uYesu ayenzele zona. Ekubuyeni kwakhe uYesu, iindimbane zamamkela ngovuyo; kuba bonke babemlindile. Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro, yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu, yawa ezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba aye kungena endlwini yayo. Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe, yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, akubon’ ukuba uyahamba abantu bamxina. Kwaye umfazi owayenethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini, eyayichithe yonke impilo yakhe kumagqirha, ebengenako ukuphiliswa bani, yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi lakhe. Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, isihlwele sikuxinile, sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na lo undichukumisileyo? Uthe ke uYesu, Ukho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum. Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko. Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo. Kwathi, esathetha, kufika othile, evela kwamphathi wendlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musani ukumkhathaza uMfundisi. Evile ke uYesu, wamphendula wathi, Musa ukoyika; kholwa kuphela; wophiliswa. Engenile ke endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYakobi, noYohane, noyise wentombi, nonina. Baye ke bonke balila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; Akafile, ulele. Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile. Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka. Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; Bakhwankqiswa ke abazali bayo; wabayala ukuba bangayixeleli bani le nto yenzekileyo.

ULUKA 8:22-56 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kwaye kute ngemini etile, wangena yena enqanaweni, kwa nabadisipile bake; waza wati kubo: Masiwele siye kwelingapesheya icala lolwandlana, banduluka ke. Kekaloku nxa bebeselisha, walala ubutongo: kwaza kwehla uqwitela lwomoya pezu kwolwandlana, bada bafun’ ukuzalelwa ngamanzi, baza kuba semgcipekweni ke. Beza kuye bamvusa, besiti: Nkosi, Nkosi, siyabuba! Wavuka ke wakalimela umoya nokulwa kwamanzi; kwapeza ke, kwaza kwabako ukuzola. Wayesiti kubo: Lupina ukolo lwenu? Kodwa bebesoyika bati nqa, besiti omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eyalela nemimoya namanzi nje, zimve ke? Baza baselishela ezweni lama‐Gadara, elimalungana ne‐Galili. Wati akupumela emhlabeni, kwamkaulela indoda etile yasesixekweni esekukade inazo idemoni, yayingambati ngubo, yayingahlali endlwini kanjalo, koko yahlala emancw̔abeni. Yati kekaloku yakubona u‐Yesu, yadanduluka, yawa pantsi pambi kwake, yati ngelizwi elikulu: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana KATIXO opezu konke? ndiyakukunga, zungandimbeli! (Ngokuba ebeyalele umoya onco̔lileyo ukuba apume emntwini lowo; ngokuba bekukaninzi ebemqubule; wabegcinwa enxityiwe ngemixokelelwane nangamakamandela; waza eqaula izinxibo wagxotelwa ezindaweni ezilubala yidemoni.) Waza wayibuza u‐Yesu, esiti: Ngubanina igama lako? Yayisiti: Ngu‐Bandlalikulu; ngokuba idemoni ezininzi bezingene kuyo. Zaza zambongoza, aze angaziyaleli ukuba zimke ziye esihogweni. Kwabekuko apo umhlambi wehangu ezininzi zisidla entabeni. Zaza zambongoza ukuba azivumele zingene kuzo ezo. Wazivumela ke. Zati idemoni zapuma emntwini lowo zangena ezihangwini; waza umhlambi wagalelekela ngeliwa apo elwandlana, wamiwa ke. Baza abo babesalusa, bakubona oko kwenzekileyo, babaleka, baya bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. Bati ke abantu bapuma ukuya kubona into eyenzekileyo, beza ku‐Yesu, bamfumana ehleli pantsi lowamntu zibe zipumile kuye idemoni, evatile, enokuqonda kwake, ngasezinyaweni zika‐Yesu; basuka boyika. Bati kanjalo abo babebonile babashumayeza ukuba watiwa nina ukupiliswa lowo ubengenelwe zidemoni. Saza sonke isihlwele sasezweni elipahlayo lama‐Gadara samtandaza ukuba emke kubo; ngokuba bebebanjwa kukwoyika okukulu. Waza yena wangena enqanaweni, wabuya. Kekaloku indoda zibe zipumile kuyo idemoni ibimkunga ukuba ibe naye. Kodwa wayindulula u‐Yesu, esiti: Buyela endlwini yako, ubalise izinto ezingakanana akwenzele zona UTIXO. Yaza yemka, ishumayela kuso sonke isixeko izinto ezingakanana abeyenzele zona u‐Yesu. Kwaza kwati akuba ebuyile u‐Yesu, abantu bamamkela ngembuko; ngokuba bonke bebemlinda. Kekaloku bona ke, kwafika indoda egama lalingu‐Yahiri, ebingumpati wendlu yentlanganiso, yawa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu, yambongoza ukuba angene endlwini yayo: ngokuba ibinentombi ikupela kwomntwana wayo, eminyaka yobudala ngati yalishumi linamibini, yati yona yafun’ ukufa. Kwati ekuhambeni kwake, izihlwele zamxinanela. Kekaloku umfazi obenegqita legazi kwasekuyiminyaka ilishumi linamibini, obegqibele kanjako konke apila ngako emagqir̔eni, engabanga nako ukupiliswa mntu, weza ngasemva, wacu̔kumisa umqukumbelo wengubo yake; laselinqamka kwa oko igqita legazi lake. Waza wati u‐Yesu: Ngubanina owandicu̔kumisayo? Kekaloku bakukanyela bonke, wati u‐Petrosi nabo babenaye: Nkosi! izihlwele zikuxinga zikuncinezela nje, uti ke na: Ngubanina owandicu̔kumisayo? Koko u‐Yesu wati: Kuko owandicu̔kumisayo; ngokuba ndandisazi ukuba amandla apuma kum. Wati ke umfazi lowo akubona ukuba akafihlakele, weza engcangcazela, wawa pantsi pambi kwake, wamshumayeza ebusweni babantu bonke ituba abemcu̔kumisile ngalo, nokokuba wapiliswa kwa oko. Wayesiti kuye: Yomelela, ntombi! ukolo lwako lukupilisile; hamba ngoxolo. Nxa abesateta, kwafika owakowabo umpati wendlu yentlanganiso, esiti kuye: Ifile intombi yako; ungamkatazi umfundisi. Kuloko u‐Yesu, evile nje, wapendula kuye, esiti: Ungoyiki: kolwa kodwa, yaiya kupiliswa Wati akufika endlwini, akavumela mntu ukuba angene, kupela u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, noyise wentombazana nonina. Kekaloku bebelila bonke, bayenzela isijwili. Kodwa wati: Ningalili; ayifile, ilele butongo. Basuka bamhleka, besazi ukuba ifile. Kuloko yena akuba ebaku̔pele pandle bonke, wabamba isandla sayo, wadanduluka, esiti: Ntombazana, vuka! Waza umoya wayo wabuya weza, yaselisuka kwa oko. Kanjalo wayalela ukuba inikwe ukudla. Bati ke abazali bayo bamangaliswa; kodwa wabayala ukuba mabangaxeleli mntu into eyenzekileyo.