ULUKA 4:9-12
ULUKA 4:9-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine; kwathiwa, Ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho. (INdum. 91:1112) Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho. (IDut. 6:16)
ULUKA 4:9-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’ Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’ ” Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’ ”
ULUKA 4:9-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine; Kwaye ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho. Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.
ULUKA 4:9-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo wamsa e‐Yerusaleme, wammisa pezu kwepiko letempile, wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, ziwise pantsi kwa lapa; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine: nokuti: Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Kutshiwo ukuti: Akuyi kumlinga UYEHOVA, UTIXO wako.