ULUKA 4:1-32

ULUKA 4:1-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango. Wantsuku zimashumi mané ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba. Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka. UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo. UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona. Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho. UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa. Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine; kwathiwa, Ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho. (INdum. 91:1112) Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho. (IDut. 6:16) Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu. Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke. Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke. Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese. Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa, UMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithumé ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile, Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi. (UIsaya 61:1-2) Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu? Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuvé kwenzeké eKapernahum, kwénze nakowenu apha. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela. Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni. Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka. Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.

ULUKA 4:1-32 IBHAYIBHILE (XHO96)

UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo. Ke umtyholi wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho eli litye libe sisonka.” UYesu wamphendula esithi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa.’ ” Ke umtyholi wamnyusela endaweni ephakamileyo uYesu, wathi ngexeshana elingephi wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi; wathi kuye: “Ndokunika igunya kuwo onke, ndikuphe nobutyebi bawo, kuba konke oko kokwam, kwaye ndikunika lowo sukuba ndithanda ukumnika. Ke ngoko, ukuba uthe wandinqula, zonke ezo zinto zoba zezakho.” UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’ ” Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’ Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’ ” Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’ ” Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana. UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla. Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke. UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde; waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi: “UMoya weNkosi undongamele, ngoko ke indithambisile; indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo. Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa, nokubuyisela ukubona kwabaziimfama, ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo, ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.” Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye; waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.” Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?” UYesu ke wathi kubo: “Eneneni niya kulibhekisa kum eli qhalo lithi: ‘Gqirha, ziphilise;’ nize nithi: ‘Nakowenu apha yenza okungangoko sive ukuba ukwenzile eKapernahum.’ ” Wathi ke: “Ndithi kuni, inene, akukho mshumayeli wamkelekileyo kowabo. Enyanisweni babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalibalele iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, kukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe. Kanti ke uEliya zange athunywe nakumnye kubo; kuphela wathunywa kumhlolokazi waseSarfati kwelaseSidon. Kananjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngemihla yomshumayeli uElisha; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo ngaphandle koNahaman umSiriya.” Bakuziva ezi zinto bacaphuka bonke ababesendlwini yesikhungo, besuka bamkhupha edolophini uYesu, bamsa phezu kweliwa eyayakhelwe phezu kwalo idolophu yabo, ukuze bamphose ezantsi. Kodwa yena wacanda phakathi kwabo, wemka. Wehla ke uYesu waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, wathi khona apho *ngoMhla woPhumlo wafundisa abantu. Bamangaliswa kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya.

ULUKA 4:1-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango. Wantsuku zimashumi mane ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba. Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka. Wamphendula uYesu wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu; uphila ngamazwi onke kaThixo. uMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. Wathi uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ukumnika. Ukuba ke ngoko uthe wandinqula, zonke ezo nto ziya kuba zezakho. Waphendula uYesu wathi kuye, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa. Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine; Kwaye ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho. Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho. Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu. Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; lwaye lwaphuma udumo lwakhe; Wayefundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke. Weza kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese. Waza wanikwa incwadi yomshumayeli uIsaya. Eyityhilile ke incwadi, wafumana indawo le kubhalwe kuyo, uMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, ndindulule abaqobekileyo bekhululekile; Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi. Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. Waqala ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe. Ayesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu? Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; Kodwa uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. Kwaye kukho abantu abaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; akwahlanjululwanga namnye kubo, ingenguNahaman umAram. Bathi bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezi zinto, bazala ngumsindo. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni. Kodwa yena wacanda phakathi kwabo wemka. Wehla waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, waza wafundisa abantu ngesabatha. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.

ULUKA 4:1-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU u‐Yesu, ezele NGUMOYA OYINGCWELE, wabuya e‐Yoredane; waza wasiwa NGOMOYA entlango, elingwa ngu‐Satane intsuku zimashumi mane. Akatya nto ke kwezontsuku: wati zakuba zipelile, wada walamba. Waza u‐Satane wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, xela kwilitye eli ukuba lenziwe isonka. Waza wapendula u‐Yesu kuye, esiti: Kuba̔liwe ukuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi KATIXO. Waza u‐Satane wamnyusela entabeni ende, wambonisa bonke ubukumkani belizwe ngexanyana linye. Waza u‐Satane wati kuye: Ndiya kunika kuwe lamandla onke, nobungcwalisa babo; ngokuba enikelwe kum, nalowo enditanda ukumnika wona ndiyawanika kuye: wena ngoko ukuba uya kundibedesha, kwoba kokwako konke. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uya kubedesha UYEHOVA, UTIXO wako, umkonze yena yedwa. Kanjalo wamsa e‐Yerusaleme, wammisa pezu kwepiko letempile, wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, ziwise pantsi kwa lapa; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine: nokuti: Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Kutshiwo ukuti: Akuyi kumlinga UYEHOVA, UTIXO wako. Wati kekaloku u‐Satane, akuba egqibile konke ukulinga kwake, wemka kuye kwamzuzu. WAZA wabuya u‐Yesu ngamandla OMOYA weza e‐Galili; kwaye kupuma udumo ngaye lwaya kulo lonke ilizwe langakona. Wabefundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, edunyiswa ngabo bonke. Waza wafika e‐Nazarete, apo abe ondlelwe kona: wati kekaloku, njengokuba belinjalo isiko lake, wangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, wesuka wema ukuba aleseshe. Kwaza kwamnikelwa incwadi ka‐Yisaya umprofite. Wati akuba eyitwabulule incwadi, wafumana londawo apo bekuba̔lelwe kona ngokuti: UMOYA KAYEHOVA upezu kwam; ngokokuba enditambisele ukushumayela indaba ezimnandi kumahlwempu; unditumele ukupilisa abantliziyo zigqobokileyo, ukushumayela kwabatinjiweyo inkululeko, nakwabazimfama ukubuyiswa kwokubona, ukundulula abancinezelweyo bekululekile, ukushumayela umnyaka okolekileyo KAYEHOVA. Waza wasonga incwadi, wayinikela kanjako kumkonzi, wahlala pantsi. Bati bonke abasendlwini yentlanganiso amehlo abo ati nama pezu kwake. Waza waqala ukuti kubo: Namhla nje sizalisekile isiba̔lo esi ezindlebeni zenu. Babemnqi̔nela bonke ke, bawatela nqa amazwi ofefe apumayo emlonyeni wake, bati: Lo asi nguye na unyana ka‐Josefe? Waza wati kubo: Nowuteta kum kambe lomzekeliswana wokuti: Gqir̔a! zipilise: konke esivileyo ukuba kwenziwe e‐Kapenayume, kwenze nalapa emzini wakowenu. Wati kanjako: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mprofite okolekileyo emzini wakowabo. Kodwa ngokwenyaniso nditi kuni: Bebeko abahlolokazi abaninzi emihleni ka‐Elija kwa‐Sirayeli, okuya lalivingcekile izulu ngeminyaka mitatu inenyanga zintandatu, xeshekweni yabiko indlala enkulu kulo lonke ilizwe; kanti u‐Elija wayengatunywa nakomnye kubo, watunywa e‐Tsarefate yase‐Tsidone kumfazi obengumhlolokazi kupela. Kanjalo ebeko amaleperi amaninzi ngexesha lika‐Elisha umprofite kwa‐Sirayeli; kanti kwaye kungahlanjwa nalinye kuwo, kwahlanjwa u‐Nahamane um‐Siriya kupela. Baza bati bonke abasendlwini yentlanganiso, bakuva ezizinto, bazaliswa ngumsindo, besuka, bamku̔pela pandle kwesixeko, bamr̔olela kwa semgcipekweni wentaba esibe sakiwe pezu kwayo isixeko sabo, ukuze bamkahlele pantsi. Kodwa yena ecandile pakati kwabo wemka. Waza wehlela e‐Kapenayume, isixeko sase‐Galili, wabafundisa ngemihla yesabata. Baye bemangaliswa ke pezu kwesifundiso sake, ngokuba ilizwi lake belinegunya.