ULUKA 22:42 - Compare All Versions
ULUKA 22:42 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawo, ukuba ùyavuma, mayidlule le ndebe kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.
Yabelana
ULUKA 22 XHO75ULUKA 22:42 XHO96 (IBHAYIBHILE)
esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [
Yabelana
ULUKA 22 XHO96ULUKA 22:42 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.
Yabelana
ULUKA 22 CXB24ULUKA 22:42 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
esiti: Bawo! ukuba uyavuma ukususa lendebe kum — : noko makungabi yintando yam eyenziwayo, makube yeyako.
Yabelana
ULUKA 22 XHO1902A