ULUKA 2:8-9 - Compare All Versions

ULUKA 2:8-9 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.

ULUKA 2:8-9 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku. Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu.

ULUKA 2:8-9 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.

ULUKA 2:8-9 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kwaye kuko abalusi kwelona lizwe, behlala ezindle, belinda umhlambi wabo ngamavaṙasho obusuku. Yati bona ke, ingelosi YENKOSI yeza yema ngakubo, nobungcwalisa BENKOSI babakanyela ngokungqonga; baza boyika ngokwoyika okukulu.