ULUKA 17:1-2
ULUKA 17:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye! Angásizakala kanye, ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane.
ULUKA 17:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wathi kubafundi bakhe: “Azinakungehli izinto ezibakhubekisayo abantu; kodwa hayi ilishwa laloo mntu kuza ngaye ukukhubekisa! Kunokuba akhubekise nokuba mnye kwaba bancinane, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, aphoswe elwandle.
ULUKA 17:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye! Ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane.
ULUKA 17:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WAZA wati kubo abadisipile: Akungebe njalo ukuba zingezi izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowo eziza ngaye! Kulungele yena ukuba ilitye lapezulu lokusila belibotshwa ngasentanyeni yake, waza weyeliswa elwandle, ngapezu kwokuba axakanise omnye waba bancinane.