ULUKA 1:32-34
ULUKA 1:32-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?
ULUKA 1:32-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana kaPhezukonke. INkosi uThixo iya kummisela abe ngukumkani kwaDavide uyise, ayilawule indlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nolawulo lwakhe lungaze luphele. ” UMariya ke wathi kuso isithunywa: “Iya kwenzeka njani na loo nto, ndingazani nandoda nje?”
ULUKA 1:32-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise. Uya kuba ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade; ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?
ULUKA 1:32-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Lowo woba mkulu, waeya kubizwa ngokuba ngunyana wopezu kwonke: kanjalo INKOSI ENGUTIXO iya kumpa iterone ka‐Davide uyise; waeya kuba ngukumkani pezu kwendlu ka‐Yakobi kude kube ngunapakade; nobukumkani bake abuyi kuba nakupela. Wayesiti u‐Mariya kuyo ingelosi: Kwoti nina ukubako oku, indoda ndingayazi nje?