ULUKA 1:1-23
ULUKA 1:1-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bethé nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu, njengoko basinikeláyo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi: kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo, Tiyofilo odume kunene, ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo. Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete. Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka. Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile. Kwathi ke kaloku, ekubuphatheni ububingeleli bakhe ngexesha leqela lakhe phambi koThixo, ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi. Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso. Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso. Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika. Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wóthi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane. Ùya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe. Kuba úya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; úya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe. Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli úya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo. Yena úya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo. Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile. Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli,• oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo. Uyabona, ùya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo. Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo. Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi. Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe.
ULUKA 1:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Tiyofilo ohloniphekileyo: Ekubeni abaninzi bezame ukulibhala ibali lezo zinto zithe zenzeka phakathi kwethu, bebalisa oko sikuxelelweyo ngâbo bathe kwasekuqalekeni bazibona ngawabo amehlo ezo zinto, baza baba ngabaququzeleli bezi ndaba, nam, mhlekazi, ndibone kulungile ukuba ndibhale ndikucwangcisele ngokuthe ngqo, ekubeni sekulithuba elide nje ndiziphanda kakuhle ezi zinto. Ndenjenje ukuze uyazi ngokuphelelyo inyaniso yezinto ozifundisiweyo. Ngemihla kaHerode, ukumkani wakwaJuda, kwakukho umbingeleli othile, ogama linguZakariya, engoweqela lika-Abhiya. Umkakhe uElizabhete naye wayeyintombi yombingeleli. Bobabini babengamalungisa, beyithobela imiyalelo nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka. Babengenabantwana, kuba uElizabhete wayengazali; kananjalo bobabini babesebaluphele. Ke kaloku uZakariya wayesemsebenzini wakhe wobubingeleli phambi koThixo, kulithuba leqela lakhe. Kwênziwa *amaqashiso ngokwesiqhelo sababingeleli, laza iqashiso laphuma naye ukuba aqhumise ubulawu. Wangena ke endaweni engcwele yeNkosi, kukho inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngexesha lesiqhumiso. Kwabonakala isithunywa seNkosi kuye, simi ngasekunene kweqonga lesiqhumiso. Wothuka uZakariya akusibona, wangenwa luloyiko. Isithunywa eso sathi kuye: “Musa ukoyika, Zakariya. UThixo uwuvile umthandazo wakho. Umfazi wakho uElizabhete uya kuzala unyana. Uze umthiye igama elinguYohane. Ukuzalwa kwakhe kuya kukuphathela uvuyo nolonwabo, ize loo nto ibe luvuyo nakubantu abaninzi. Yena uya kubaluleka eNkosini, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, alawulwe nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe. Uya kubuyisela amaSirayeli amaninzi eNkosini uThixo wawo. Uya kuyibhulela umbethe iNkosi, enamandla njengoEliya, axolelanise uyise nomntwana, ababuyisele ebulungiseni abangevayo, alungiselele iNkosi abantu bayo.” UZakariya wathi kwisithunywa eso: “Ndiya kuyiqonda ngani le nto? Kaloku mna sendimdala, nomfazi wam selaluphele.” Saphendula ke isithunywa sathi kuye: “Mna ndinguGabriyeli oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe nawe, ndikuxelele ezi ndaba zimnandi. Ngenxa yokuba ungakholwa ngamazwi am, uyabona, uya kuvaleka, ungabi nako ukuthetha, kude kube yiloo mini zenzeka ngayo ezi zinto. Kanti ke la mazwi aya kuzalisekiswa ngexesha lawo.” Abantu babemlindile uZakariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele. Uthe ke akuphuma engasenako ukuthetha, baqonda ukuba ubone umbono apho endaweni engcwele. Wathi, ekhohliwe kukuthetha, wamana enqwala. Lakuphela ixesha lokukhonza kweqela lakhe, uZakariya wagoduka.
ULUKA 1:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ekubeni ke bebaninzi abasa isandla sabo, ukuyibeka eludwengeni udaba olukholiweyo phakathi kwethu, njengokuba basinikelayo abo bathi kwasekuqalekeni baba ngamangqina okuzibonela, nabakhonzi balo ilizwi; Kwabonakala kulungile nakum, ndizazi zonke izinto, kwasekuqaleni, ukuba ndikubhalele ngokulandelelana kwazo, Tiyofilo odume kunene, ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yezo zinto uzifundisisiweyo. Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaJuda, kwakukho umbingeleli othile, ogama linguZakariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engoweentombi zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete. Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka. Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile. Ke kaloku kwathi, xa wayesenza ububingeleli ngokweqela lakhe, phambi koThixo. Ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumisele ngesiqhumiso, xa angenayo etempileni yeNkosi. Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso. Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso. uZekariya wathi akumbona wakhathazeka, wangenelwa luloyiko. Sathi kuye isithunywa eso, Musa ukoyika, Zakariya, kuba umthandazo wakho uviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane. Uya kuba novuyo novuyo; bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe. Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe. Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo. Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa; alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo. Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? ngokuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile. Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayele ezi ndaba zilungileyo. Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo. Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo. Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi. Kwathi, yakuzaliseka imihla yolungiselelo lwakhe, wemka waya endlwini yakhe.
ULUKA 1:1-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGOKOKUBA abaninzi belingile ukulibeka kunye ngokucwangcisa ilivo lezondawo eziqiniselwe pakati kwetu ngokukolisekileyo, njengokuba bezinikele kuti abo babengababoneli nabakonzi belizwi kutabata ekuqaleni; kwanga kulungile nakum, ndizilandile zonke kwada kwangapambili ngokukutala nje, ukuba ndikuba̔lele zona ngokulandelana, Teyofilusi odumileyo kakulu! ukuze ukolise ukuyazi inyaniso yezozinto uzifundisiweyo ngomlomo. KWAYE kuko emihleni ka‐Herodi, ukumkani we‐Judeya, umperisite otile ogama lingu‐Zekariya, engowakuso isahlulo sika‐Abiya; nomfazi wake engowasezintombini zika‐Arone, negama lake lingu‐Elizabete. Bebelungile bobabini ke ebusweni BUKATIXO, behamba kuyo yonke imiyalelo nemimiselo YENKOSI bengohlwayeki. Baye bengenamntwana, ngenxa yokuba u‐Elizabete ebeludlolo; kanjalo bobabini bebekolisile ukuba nobudala. Kwabekute, ekwenzeni kwake inkonzo yomperisite pambi KWOTIXO, ngexesha lokukonza kwesahlulo sakowabo, ngokwesiko lobuperisite, wabelwa ngeqashiso ukuqu̔misa, engene endaweni engcwele YENKOSI: waye wonke umhlambi wabantu ubutandaza ngapandle ngexeshana lesiqu̔miso. Kwati kekaloku kwabonakala kuye ingelosi YENKOSI, imi ngasekunene kwesibingelo sesiqu̔miso. Waza u‐Zekariya waxaliswa akuyibona, wawelwa kukwoyika. Koko ingelosi yati kuye: Ungoyiki, Zekariya! ngokuba isikungo sako siviwe; woti ke umfazi wako u‐Elizabete akuzalele unyana, wauya kubiza igama lake ngo‐Johane. Kanjalo wena woba novuyo nomgcobo, bati nabaninzi bavuyele ukuzalwa kwake. Ngokuba eya kuba mkulu ebusweni BENKOSI; angaseli ke neveyine notywala; waeya kuzaliswa NGOMOYA OYINGCWELE esapuma esizalweni sonina. Nabaninzi bosapo luka‐Sirayeli wobaguqulela KWINKOSI, UTIXO wabo. Waeya kuhamba pambi kwayo emoyeni nasemandleni ka‐Elija, ukuba intliziyo zoyise aziguqulele kubantwana, nabangevayo abaguqulele ebutelekelelweni babalungileyo, ukuba alungisele INKOSI abantu abalungiselelweyo. Waza wati u‐Zekariya kuyo ingelosi: Ndiya kukwazi oku ngandawo nina? ngokuba ndilixego mna, nomfazi wam ekolisile ukuba nobudala. Yaza yapendula ingelosi yati kuye: Mna ndingu‐Gabriyeli omiyo ngasebusweni BUKATIXO; ndanditunywa ukuba nditete kuwe, nokuba ndikushumayeze ezindaba ezimnandi. Kekaloku bona ke, woba usiti cwaka, ukohlwa nokuteta, kude kube yimini eziya kuba zenzekile ezizinto; ngenxa yokokuba ubungakolwanga ngamazwi am, aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo. Kekaloku abantu bebemlinda u‐Zekariya, batela nqa ukulibala kwake endaweni eyingcwele. Wati ke akupuma, wakohlwa ukuteta kubo; baza banakana ukuba ubonile isibonakalo endaweni eyingcwele; wabe ke yena eman’ ukukoba kubo, wahlala esidenge. Kwaza kwati, xeshekweni ibizalisekile imihla yesikonzo sake, wemkela endlwini yake.