UYOSHUWA 10:12
UYOSHUWA 10:12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli: Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon.
UYOSHUWA 10:12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngaloo mhla uNdikhoyo amaSirayeli wawoyisela ngawo ama-Amori uYoshuwa wabhekisa kuNdikhoyo phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “ ‘Langa, yima phezu kweGibheyon. Wena nyanga, yima phezu kwentili iAyalon.’
UYOSHUWA 10:12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathetha uYoshuwa kuYehova ngomhla uYehova awawanikela ngawo ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni oonyana bakaSirayeli, Langa, yima eGibheyon; nawe, nyanga, entilini yeAyalon.
UYOSHUWA 10:12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Oko wateta u‐Yoshuwa KUYEHOVA, ngomhla UYEHOVA wabanikela aba‐Amori ebusweni bosapo luka‐Sirayeli, wati pambi kwamehlo abo o‐Sirayeli: Langa, uti nqumama pezu kwe‐Gibeyone; nawe, nyanga, pezu kwomhlambo wase‐Ajalone!