UYOSHUWA 1:8-9
UYOSHUWA 1:8-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ize ingesuki incwadi yaló myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba wòba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko. Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.
UYOSHUWA 1:8-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo. Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”
UYOSHUWA 1:8-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ize ingesuki incwadi yomyalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze wenze ngenyameko, njengoko kubhaliweyo kuyo; Andikuyalelanga na? Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, musa ukoyika, ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, naphi na apho sukuba usiya khona.
UYOSHUWA 1:8-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Incwadi yalomteto ayiyi kumka emlonyeni wako; kodwa uya kucinga yona emini nasebusuku, ukuze ulumkele ukwenza njengako konke okuba̔liweyo kuyo: ngokuba oko uya kutamsanqelekisa indlela yako, naloko uya kulungiseka. Andikuyalelanga na? Yomelela ukalipe; ungankwantyi, ungatuswa nokutuswa: ngokuba UYEHOVA, UTIXO wako, enawe, apo usukuba usiya kona.