Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

UYOBHI 2:9-10

UYOBHI 2:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe. Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.

Yabelana
Funda UYOBHI 2

UYOBHI 2:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)

Inkosikazi yakhe yathi kuye: “Nangoku usabambelele kule ntembeko yakho? Mqalekise lo Thixo, ufe kube kanye!” Ke yena wamphendula wathi: “Ukuthetha kwakho nqwa nokomfazi ongaqiqiyo! Kakade, uthi masiyolelwe zizinto ezintle zodwa esiziphiwa nguThixo, singazamkeli ezimbi?” Kuyo yonke le ntlekele uYobi zange one ngomlomo wakhe.

Yabelana
Funda UYOBHI 2

UYOBHI 2:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mqalekise uThixo, ufe. Wathi ke yena kuye, Uthetha njengesidenge. Intoni? Siya kwamkela okulungileyo esandleni sikaThixo na, singamkeli ezimbi? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.

Yabelana
Funda UYOBHI 2

UYOBHI 2:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wandula umfazi wake wati kuye: Usabamba na ubunene bako? gxeka UTIXO, ufe ke. Wayesiti kuye: Uyateta njengelinye lamagezakazi lisenje njalo ukuteta. Kanene, okulungileyo siya kukwamkela KUTIXO na, nokubi singakwamkeli yinina? Kuko konke oku akona u‐Jobi ngomlomo wake.

Yabelana
Funda UYOBHI 2
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo