Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

UYOBHI 11:13-15

UYOBHI 11:13-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye: Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude, Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho; Okunene, ùya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki.

Yabelana
Funda UYOBHI 11

UYOBHI 11:13-15 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Ukuba uthe wayisebenzisa ingqondo yakho, unganako ukolulela izandla kuThixo. Ukuba uphethe ububi yahlukana nabo, nezinto zenkohlakalo mazingafumaneki nasemzini wakho. Ukuba unokwenjenjalo ke unganako ukuma ungenaxhala nganto, ume ngxishi ungenadyudyu.

Yabelana
Funda UYOBHI 11

UYOBHI 11:13-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ukuba uthe wayilungisa intliziyo yakho, Wazolulela kuye izandla zakho; Ukuba kusesandleni sakho ububi, bukhwelelise kude, Makungabikho bugqwetha ezintenteni zakho; Kuba ngoku uya kubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla; ewe, kufuneka nikhuthazeke ningoyiki

Yabelana
Funda UYOBHI 11

UYOBHI 11:13-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Ukuba uti wena ubekise intliziyo yako, utwabulule izandla zako, ngakuye: ukuba inkohlakalo isesandleni sako, yikwelelise kude; nobumenemene ungabuhlalisi ezintenteni zako: ngenyaniso oko uya kupakamisa ubuso bako bungenasipako; wauya kwomelela, ungoyiki nokwoyika

Yabelana
Funda UYOBHI 11
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo