UYOHANE 21:15-17
UYOHANE 21:15-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bathi ke bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am. Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Yalusa izimvu zam. Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.
UYOHANE 21:15-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva kokuba betyile, uYesu wathi kuSimon Petros: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na ngaphezu kwaba?” Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla amatakane am.” Aphinde athi kuye okwesibini uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?” Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yalusa iigusha zam.” Wathi kuye okwesithathu uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?” Wev' intw' embi uPetros ebuzwa okwesithathunje nguYesu esithi: “Uyandithanda na?” Waza wathi kuYesu: “Nkosi, izinto zonke uyazazi; uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla iigusha zam.
UYOHANE 21:15-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am. Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa izimvu zam. Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi zonke izinto wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.
UYOHANE 21:15-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku xeshekweni bebedlile, wati u‐Yesu ku‐Simone Petrosi: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na ngokukulu kubo aba? Wati kuye: Ewe, Nkosi! uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati kuye: Dlisa imvana zam ukutya. Wati kuye kanjako ngokwesibini: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na? Wati kuye: Ewe, Nkosi! uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati kuye: Yalusa izimvu zam. Wati kuye ngokwesitatu: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na? Waba lusizi u‐Petrosi ukuba wati kuye ngokwesitatu: Uyanditanda na? Waza wati kuye: Nkosi! uyazazi zonke izinto; uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati u‐Yesu kuye: Dlisa izimvu zam ukutya.