UYEREMIYA 35:15
UYEREMIYA 35:15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma, ndivuka kusasa, ndisithi, Khanibuye, elowo endleleni yakhe embi, nilungise iintlondi zenu, ningalandeli thixo bambi, ukuze nibakhonze; nòhlala ke emhlabeni endawunika nina nooyihlo. Ke anizithobanga iindlebe zenu, anindiphulaphulanga.
UYEREMIYA 35:15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndithe rhoqo ukunithumela zonke izicaka zam *abashumayeli. Babesithi: “Guqukani ezindleleni zenu ezigwenxa, nilungise ihambo yenu. Musani ukulandela abanye oothixo nibanqule. Xa nisenjenjalo niya kuma kulo mhlaba ndawunika ookhokho benu.” Kodwa nina nisuke anahoya, anandithobela.
UYEREMIYA 35:15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, abavuka kusasa, babathuma, besithi, Guqukani, elowo endleleni yakhe embi, nilungise iintlondi zenu, ningalandeli thixo bambi; musani ukuzenza khonzani, nihlale ezweni endalinika nina nooyihlo; kodwa anindiphulaphulanga, anaphulaphula nam.
UYEREMIYA 35:15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba nditumile kuni izicaka zam abaprofite, ndivuka kusasa ndizituma, ndisiti: Guqukani ke abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo, nilungise izenzo zenu, nize ningalandeli otixo bambi ngokubakonza, naniya kuhlala elizweni endilinikileyo kuni nakoyihlo benu; kodwa anitobanga indlebe yenu, anipulapulanga kum kanjako.