ABAGWEBI 4:9 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

ABAGWEBI 4:9 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe.

ABAGWEBI 4:9 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ke yena wathi: “Ewe, ukuhamba oku ndiya kuhamba, kodwa ke uze wazi ukuba udumo lwale mfazwe aluyi kuza kuwe, kuba uNdikhoyo uya kumnikela emfazini uSisera lowo.” Ngoko ke uDibhora waya eKedeshe ehamba noBharaki.

ABAGWEBI 4:9 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wayesiti: Ndiya kuhamba nawe ngenyaniso; kodwa noko ubungewalisa abuyi kuba bobako endleleni uhamba ngayo; ngokuba UYEHOVA eya kumtengisa u‐Sisera esandleni somfazi. Wesuka u‐Debora, waya no‐Baraki e‐Kedeshe.

ABAGWEBI 4:9 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi, Ndiya kuhamba nawe; ngokuba uYehova uya kumnikela uSisera esandleni somfazi. Wagqiba uDebhora, wahamba noBharaki ukuya eKedeshe.