ABAGWEBI 4:21
ABAGWEBI 4:21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni; kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke.
ABAGWEBI 4:21 IBHAYIBHILE (XHO96)
USisera wasuka wee yoyi bubuthongo. Ke yena uJayeli wathatha isando nesikhonkwane sentente, wachwechwa waya kuye, wafika wabethelela isikhonkwane eso entloko kuSisera, saza saya kuphumela kwelinye icala, wafa ke uSisera.
ABAGWEBI 4:21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, wasondela kuye, wabethelela isikhonkwane ezibondeni zakhe, wasibethelela emhlabeni, kuba wayelele ubuthongo. Ngoko wafa.
ABAGWEBI 4:21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Yayeli, umfazi ka‐Kebere, watabata isikonkwane sentente, wapata isando esandleni sake, waya kuye kakuhle, wabetela isikonkwane entlafunweni yake, sada sangena emhlabeni: ngokuba yena wawelwa bubutongo, wacubuka. Wafa njalo ke.