ABAGWEBI 18:7 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
ABAGWEBI 18:7 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ahamba ke amadoda amahlanu afika eLayishe; ababona abantu abaphakathi kwayo, behleli bonwabile ngokwesiko lamaTsidon, bezolile, bonwabile; kungekho uwona nganto kubaphathi belo zwe; babekude kumaTsidon, bengatheni nabani.
ABAGWEBI 18:7 XHO96 (IBHAYIBHILE)
La madoda aphuma apho, afika eLayishe. Ke afumanisa ukuba abantu bakhona babengoyiki nto, koko babehleli ngokonwaba njengamaSidon. Yayiluhlanga oluzolileyo olungenanxa namntu, futhi lungaswele nto. Babemi kude namaSidon, futhi kungekho sizwe simbi banomnqophiso naso.
ABAGWEBI 18:7 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula ahamba lomadoda mahlanu, aza kufika e‐Layishe, abona abantu abapakati kwayo, ukuba bahlala ngokunqaba, njengesiko lama‐Tsidone, bonwabile, benqabile; kwaye kungeko umpati wamandla elizweni obadanisayo nganto; babekude kuma‐Tsidone, bengenamsebenzi nabanye abantu.
ABAGWEBI 18:7 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ahamba ke amadoda amahlanu afika eLayishe, ababona abantu behleli khona, bezolile njengamaTsidon; kwaye bekungekho ukhozo lwemostade ezweni lam olwalubahlazisa nakuwuphi na umcimbi; babekude namaTsidon, bengahlangani namntu.