EKAYAKOBI 1:23-24
EKAYAKOBI 1:23-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.
Yabelana
Funda EKAYAKOBI 1EKAYAKOBI 1:23-24 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lowo uliphulaphula nje kuphela elo lizwi, angenzi nto ngalo, ufana nomntu ozijonga esipilini, abubone ubuso bakhe. Loo mntu uzithi krwaqu nje, ahambe, aze kwangoko azilibale ukuba unjani na.
Yabelana
Funda EKAYAKOBI 1EKAYAKOBI 1:23-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.
Yabelana
Funda EKAYAKOBI 1EKAYAKOBI 1:23-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba lowo usukuba engumpulapuli welizwi, engengumenzi kanti, yena lo ufana nomntu ebonela ubuso bake bokuvela encwadini; ngokuba ezibonele, wemka ke, waza walibala msinya ukuba ebenjanina.
Yabelana
Funda EKAYAKOBI 1